Izililo 1:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela?Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo,Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.

13. Engaphezulu, uthumé umlilo emathanjeni am, wawanyathela;Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva;Undenzé inxuwa, yonke imini ndityhafile.

14. Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe;Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am;INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.

15. INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam;Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am.INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.

16. Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi,Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam;Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.

17. IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli;UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge;IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.

Izililo 1