Izenzo 9:26-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi.

27. UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile,* wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.

28. Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem, ethetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu.

29. Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.

30. Bekwazile ke oko abazalwana, bamhlisela eKesareya, bamthumela eTarso.

31. Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka, lihamba liyoyika iNkosi; laye lisanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.

32. Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.

33. Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.

34. Wathi uPetros kuye, Eneya, úyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwaoko.

35. Bambona bonke ababemi eLida naseSharon, babuyela eNkosini.

36. Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita, ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas;* yena lowo wayezele yimisebenzi elungileyo, nasisisa abenaso.

Izenzo 9