25. Bamthabatha ke abafundi ebusuku, bamhlisa ngodonga, bemthoba ngengobozi.
26. Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi.
27. UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile,* wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.
28. Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem, ethetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu.
29. Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.