Izenzo 9:20-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Waye kwaoko, ezindlwini zesikungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo.

21. Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu.

22. Kwaba kukhona ke womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu.*

23. Ke kaloku, kwakuzaliseka imihla eyaneleyo, abhunga amaYuda ukuba amsike.

24. Laziwa ke nguSawule iyelenqe lawo elo. Àwagcina ke namasango imini nobusuku, ukuba amsike.

25. Bamthabatha ke abafundi ebusuku, bamhlisa ngodonga, bemthoba ngengobozi.

26. Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi.

27. UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile,* wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.

28. Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem, ethetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu.

29. Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.

30. Bekwazile ke oko abazalwana, bamhlisela eKesareya, bamthumela eTarso.

31. Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka, lihamba liyoyika iNkosi; laye lisanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.

32. Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.

Izenzo 9