29. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo.
30. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Ùyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?
31. Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.
32. Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi,Njengemvu esiwa ekuxhelweni,Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo,Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.
33. Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa;Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe?Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.(UIsaya 53:7,8)
34. Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na?
35. Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu.