42. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa,Ningaba nisondezé kum imibingelelo neminikelo yini naIminyaka emashumi mané entlango, ndlu kaSirayeli?
43. Nathwala umnquba kaMoleki,Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan,Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo;Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli.(UAm. 5:25-27)
44. Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;
45. lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;