6. Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakùlinda futhi ke, bakùbona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.
7. Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.
8. Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.
9. Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;
10. bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.