Izenzo 26:26-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kuba ezo ndawo úyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini.

27. Ùyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.

28. Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu.

29. Wathi ke uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.

30. Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo;

31. beshenxile, bathetha bodwa bathi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo.

32. Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.

Izenzo 26