16. Endathi ukubaphendula, Asilosiko lamaRoma ukubabala ngomntu abulawe, phambi kokuba lowo umangalelweyo akhangelane nabamangaleli bakhe, azuze nethuba lokuziphendulela ngalo ityala lakhe.
17. Bakuba ngoko bebuthelene apha, àndilibazisanga; ngomhla olandelayo ndahlala esihlalweni sokugweba, ndathi mayiziswe indoda leyo.
18. Abamangaleli bayo, bakùvela, abamisanga nalinye ityala lezo zinto bendizindlela kuzo mna;
19. ke baye beneembuzwano ezithile nayo ngokuhlonela kwabo izithixo, nangaYesu uthile ufileyo, abesithi yena uPawulos uhleli.
20. Ndakuthingaza ke mna ngawo umbuzo wale ndawo, ndathi, Ùnga ungaya eYerusalem na, lithethwe khona ityala lezi zinto?
21. Akubon' ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.
22. Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi ke yena, Ùya kumva ngomso.
23. Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.
24. Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi;
25. mna ke ndithe ndakùqonda ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, akubon' ukuba naye ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye,
26. endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzisé phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon' ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo;
27. kuba kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.