25. Akubon' ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakùzuza ithuba, ndokubiza uze.
26. Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye.
27. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kudlule iminyaka emibini, uFelikis wakhululana noPorkiyo Festo; kanjalo wathi uFelikis, efuna ukuzithandisa kumaYuda, wamshiya uPawulos ekhonkxiwe.