Izenzo 22:25-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ke kaloku, xa bamolulayo ngeentambo, wathi uPawulos kumthethelikhulu obemi khona, Kuvumelekile na, ukuba nimtyakatye umntu ongumRoma, engagwetywanga nokugwetywa?

26. Evile ke umthetheli-khulu, waya wabika kumthetheli-waka, esithi, Yilumkele into oza kuyenza; kuba lo mntu ungumRoma.

27. Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na?

28. Wathi ke yena, Ewe. Waphendula umthetheli-waka wathi, Mna ukungeniswa kwam kulo mzi waseRoma, ndakuzuza ngenani elikhulu. Wathi ke uPawulos. Ke mna ndizelwe ndínako.

29. Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile.

30. Ke kaloku ngengomso, enga angayazi inyaniso yento amangalelwe ngayo ngamaYuda, wamkhulula ezintanjeni, wathi, mabeze ababingeleli abakhulu, nayo yonke intlanganiso yabo yamatyala; waza wamhlisa uPawulos, wammisa phakathi kwabo.

Izenzo 22