Izenzo 21:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathi akufika kuthi, wathabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho ke uMoya oyiNgcwele ukuthi, Indoda ongowayo lo mbhinqo, aya kwenjenje amaYuda ukuyibopha eYerusalem, ayinikele ezandleni zeentlanga.

12. Ke kaloku, sakukuva oku, sambongoza thina, kwanabakuloo ndawo, ukuba angenyuki aye eYerusalem.

13. Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingàlungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu.

14. Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.

15. Ke kaloku emva kwezo ntsuku, sabopha impahla, senyuka saya eYerusalem.

16. Kwahamba ke nathi abathile nakubafundi abavela eKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe.

17. Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana.

18. Ngengomso ke, uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho namadoda amakhulu onke.

19. Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke ngazinye izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe.

20. Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho.

21. Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko.

22. Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ùfikile.

Izenzo 21