10. Ehlile ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo; eyiwolile wathi, Musani ukwenza isiphithiphithi; kuba umphefumlo wayo ukuyo.
11. Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo.
12. Bamzisa ke umfana lowo ehleli, bathuthuzeleka ngokungenamlinganiselo.
13. Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo.
14. Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene.
15. Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto.
16. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste* eYerusalem.
17. Ke kaloku eMileto apho wathumela e-Efese, wawabizela khona amadoda amakhulu alo ibandla.