2. Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni, etyhila,
3. ebeka phambi kwawo ukuba uKristu* ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.
4. Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo; nakubafazi abaziintloko àbaba mbalwa.