Izenzo 11:27-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ke kaloku ngaloo mihla, kwehla abaprofeti, besuka eYerusalem, beza kwa-Antiyokwe.

28. Kwesuka ke omnye wabo, ogama linguAgabho, waqondisa ngaye uMoya ukuba kuza kubakho indlala enkulu kulo lonke elimiweyo; eyabakho ke ngemihla kaKlawudiyo Kesare.*

29. Kubo ke abafundi, njengoko uthile ebenabo ubutyebi, wathi elowo kubo wagqiba ukuthumela into yokubanceda abazalwana ababemi kwelamaYuda;

30. abathe bakwenza nokukwenza, bathumela kuwo amadoda amakhulu ngesandla sikaBharnabhas noSawule.

Izenzo 11