Izenzo 1:18-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wathi ekhahleleke phantsi ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe.

19. Kwazeka oko kubo bonke abemiyo eYerusalem, wada loo mhlaba ngeyabo intetho kwathiwa yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi.

20. Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa,Umzi wakhe mawube yintlango,Kungabikho umiyo kuwo;(INdum. 69:25)Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye.(INdum. 109:8)

Izenzo 1