8. Yathi yakuyithabatha incwadi, izinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu angamashumi mabini anamané, awa phambi kweMvana, iyileyo inohadi, nengqayi yegolide izele ziziqhumiso, eziyiyo imithandazo yabangcwele.
9. Avuma ingoma entsha, esithi:Ùfanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo;Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho,Síphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;
10. Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu;Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.
11. Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenzé isangqa etroneni, nezinto eziphilileyo, nawo amadoda amakhulu: laye inani lawo lizizigidi zezigidi;
12. besithi ngezwi elikhulu:Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla,Nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.
13. Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi:Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla,Kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
14. Izinto eziphilileyo zoné zathi, Amen. Aza amadoda amakhulu aqubuda.