8. Yathi yakuyithabatha incwadi, izinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu angamashumi mabini anamané, awa phambi kweMvana, iyileyo inohadi, nengqayi yegolide izele ziziqhumiso, eziyiyo imithandazo yabangcwele.
9. Avuma ingoma entsha, esithi:Ùfanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo;Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho,Síphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;
10. Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu;Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.