6. Saza sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya.
7. Yabona, ndiyeza kamsinya; Ășnoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi.
8. Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto.
9. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; kuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo.
10. Sithi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; ngokuba ixesha likufuphi.
11. Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile.
12. Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo.
13. Mna ndinguAlfa* no-Omega,* isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela.
14. Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.
15. Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki.