Isityhilelo 21:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

8. Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.

9. Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana.

10. Sandísa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo,

11. unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi* ebengezela njengekristale.*

12. Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli;

13. ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu.

14. Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile* abalishumi elinababini bayo iMvana.

15. Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo.

16. Umzi lowo umbombo-né ukuma kwawo; ubude bawo bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya* ezilishumi linazibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana.

17. Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mané anesiné leekubhite,* ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu.

18. Isakhiwo sodonga lwawo yiyaspisi; umzi yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo,

Isityhilelo 21