Isityhilelo 18:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo,Niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo;Indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani.

7. Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo.Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi,Andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili.

8. Ngenxa yoko ziya kufika ngamininye izibetho zayo,Ukufa, nesijwili, nendlala.Iya kutsha ngumlilo,Ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo.

9. Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela,Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo;

10. Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhuluBhabheli, mzi unamandla!Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.

11. Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benzé isijwili ngenxa yayo,Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe:

12. Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile,*Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa,Nomthi wonke ongumsedare,*Nezitya zonke zeempondo zeendlovu,Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu,Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,*

13. Nesinamon,* neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe,Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa,Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo,Nemizimba nemiphefumlo yabantu.

14. Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe,Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe;Akusayi kuba sazifumana zona.

Isityhilelo 18