3. Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi:Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho,Nkosi, Thixo Somandla;Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho,Kumkani weentlanga.
4. Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi,Angalizukisi igama lakho?Ngokuba inguwe wedwa ongcwele;Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho,Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.
5. Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini.
6. Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide.