Isityhilelo 12:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini: umfazi ethiwe wambu ngelanga, inyanga ingaphantsi kweenyawo zakhe, entloko kuye isisithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini.

2. Uthi emithi akhale, enenimba, ethuthunjelwa ekuzaleni.

3. Kwabonakala omnye umqondiso emazulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe.

4. Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi zezulu, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe.

5. Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalúsa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi; umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe.

Isityhilelo 12