Isityhilelo 11:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wona la ánegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo.

7. Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nawo, liweyise, liwabulale.

8. Izidumbu zawo ziya kuba sesitratweni somzi omkhulu, okuthiwa ngokomoya yiSodom neYiputa, apho kananjalo yabethelelwa khona emnqamlezweni iNkosi yawo.

9. Abakubo abantu, nezizwe, neelwimi, neentlanga, baya kuzibona izidumbu zawo imihla emithathu enesiqingatha somhla, bangavumi ukuba izidumbu zawo zibekwe emangcwabeni.

10. Abo bemiyo phezu komhlaba baya kuwavuyelela, babe nemihlali; bathumelane izipho; ngokuba abo baprofeti babini bábathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba.

11. Emva kwemihla leyo mithathu inesiqingatha somhla, umoya wobomi ophume kuThixo wangena kuwo, ema ngeenyawo zawo; baza bawelwa luloyiko olukhulu abo bawabonayo.

12. Eva izwi elikhulu liphuma ezulwini, lisithi kuwo, Nyukelani apha! Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo.

13. Ngelo lixa kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu, isahlulo seshumi somzi sawa, kwabulawa kolo lunyikimo abantu abangamawaka asixhenxe; abo baseleyo bangenelwa luloyiko, bamzukisa uThixo wezulu.

14. Uyeha wesibini udlule; yabona uyeha wesithathu uyeza kamsinya.

Isityhilelo 11