Isityhilelo 11:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Eva izwi elikhulu liphuma ezulwini, lisithi kuwo, Nyukelani apha! Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo.

13. Ngelo lixa kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu, isahlulo seshumi somzi sawa, kwabulawa kolo lunyikimo abantu abangamawaka asixhenxe; abo baseleyo bangenelwa luloyiko, bamzukisa uThixo wezulu.

14. Uyeha wesibini udlule; yabona uyeha wesithathu uyeza kamsinya.

15. Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi:Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu* wayo.Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.

16. Aza amadoda amakhulu, angamashumi mabini anamané, ahleli phambi koThixo phezu kweetrone zawo, awa ngobuso bawo, aqubuda kuye uThixo,

17. esithi:Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo, Somandla,Wena ukhoyo, wawukho, uzayo,Kuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba nguKumkani.

Isityhilelo 11