Inumeri 23:23-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Akukho zihlabo ngoYakobi,Akukho kuvumisa ngoSirayeli.Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeliInto ayenzayo uThixo.

24. Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi;Baziphakamisa njengengonyam' induna.Ă€balali phantsi, bade badle okuqwengiweyo,Basele igazi labahlatyiweyo.

25. Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela.

26. Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona?

Inumeri 23