Inumeri 21:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Waliva uYehova ilizwi lamaSirayeli, wamnikela umKanan lowo kuwo, wasingelwa phantsi nemizi yakhe. Kwathiwa igama laloo ndawo yiHorma.*

4. Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu,* ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni.

5. Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.

6. UYehova wathuma iinyoka ezinobuhlungu ebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzi bakwaSirayeli.

7. Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.

8. Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abo balunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile.

9. Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside; kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.

Inumeri 21