Inumeri 14:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene.

8. Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi.

9. Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.

10. Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.

Inumeri 14