Inumeri 13:23-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Afika esihlanjeni sakwaEshekoli, anqumla khona isebe linesihloko seediliya sisinye, asithwala ngesibonda emabini; nakwiirharnate, nakumakhiwane enjenjalo.

24. Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli,* ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli.

25. Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mané.

26. Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo.

27. Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.

28. Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo siboné abenzalo ka-Anaki khona.

Inumeri 13