Inumeri 10:5-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Nákuvuthela nolule, yonduluka iminquba emise iintente ngasempumalanga.

6. Nákuvuthela nolule okwesibini, yonduluka iminquba emise ngasezantsi; bovuthela bolule ukuba induluke.

7. Ekusibizeleni ndawonye isikhungu, novuthela niquphe, ningavutheli nolule.

8. Bovuthela ngamaxilongo oonyana baka-Aron ababingeleli, ibe ngummiselo ongunaphakade kuni kwizizukulwana zenu.

9. Xa nithe naya kulwa ezweni lenu nombandezeli onibandezelayo, navuthela ngamaxilongo nolula, nòkhunjulwa phambi koYehova uThixo wenu, nisindiswe ezintshabeni zenu.

10. Ngomhla wovuyo lwenu, nangamaxesha enu amisiweyo, nasekuthwaseni kweenyanga zenu, novuthela niquphe ngamaxilongo phezu kwamadini enu anyukayo, naphezu kwemibingelelo yenu yoxolo, ibe sisikhumbuzo senu phambi koThixo wenu: ndinguYehova uThixo wenu.

11. Kwathi ngomnyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngolwamashumi omabini enyangeni leyo, lenyuswa lemka ilifu phezu komnquba wesingqino.

12. Banduluka ke oonyana bakaSirayeli ngokweehambo zabo entlango yaseSinayi; lathi zinzi ilifu entlango yaseParan.

13. Banduluka ekuqaleni ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.

14. Kuqala ke kwanduluka ibhanile* yeminquba yoonyana bakaYuda, ngokwemikhosi yabo; inguNashon, unyana ka-Aminadabhi, phezu komkhosi wakhe;

15. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaIsakare inguNataniyeli, unyana kaTsuhare;

16. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaZebhulon inguEliyabhi, unyana kaElon.

17. Wawiswa umnquba; banduluka ke oonyana bakaGershon noonyana bakaMerari, bewuthwele umnquba.

18. Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaRubhen ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElitsure, unyana kaShedeyure;

19. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaSimon inguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;

20. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli.

21. Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke âbaya bawumise umnquba engekafiki wona.

Inumeri 10