Intshumayeli 8:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?

5. Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesigwebo;

6. ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;

7. ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?

Intshumayeli 8