Intshumayeli 7:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?

18. Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.

19. Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.

20. Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.

Intshumayeli 7