Intshumayeli 7:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.

2. Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.

3. Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso.

Intshumayeli 7