Intshumayeli 4:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.

5. Isinyabi sikhwabusha izandla, sidle kwaeyaso inyama.

6. Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya.

7. Ndabuya mna ndabona amampunge phantsi kwelanga.

Intshumayeli 4