Intshumayeli 10:12-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.

13. Ingqalo yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi.

14. Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho; nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?

15. Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.

Intshumayeli 10