1. Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko.
2. Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso; intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso.
3. Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge.
4. Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.
5. Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya:
6. ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, ziba izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi.
7. Ke ndiziboné izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka.
8. Omba isigingqi, angéyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingámluma.
9. Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni.
10. Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, àkalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise.
11. Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi.
12. Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.
13. Ingqalo yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi.
14. Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho; nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?