Ingoma Yazo Iingoma 8:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngubani na lo unyuka evela entlango,Esayama intánda yakhe?Ngaphantsi komapile lo ndákuvusa wena.Khona apha waba nenimba ngawe unyoko,Khona apha waba nenimba owakuzalayo.

6. Ndíbeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho.Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu,Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni;Amalangatye abo ngamalangatye omlilo,Ngamadangatye kaYehova.

7. Amanzi amaninzi akanakulucima uthando;Imilambo ayinakuluntywilisela.Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando,Ingádelwa ideliwe.

8. Sìnomsakwethu omncinane,Akakabi namabele.Siya kuthini na ngomsakwethu,Mini aganelweyo?

9. Ukuba uludonga yena,Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere;Ukuba ungumnyango,Somrhaqa ngamaceba omsedare.*

Ingoma Yazo Iingoma 8