Ingoma Yazo Iingoma 4:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi!Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini,Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!

11. Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi;Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho.Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.

12. Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi;Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.

13. Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu,Ikofere* kunye nenadusi;*

14. Inadusi nesafron,*Ikalamo* nesinamon,* kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe,Imore nehaloti,* kunye nobulawu bonke obuyintloko.

15. Ùliliso lomthombo lasemiyezweni,Iqula lamanzi aphilileyo,Nemiqukuqela yamanzi yaseLebhanon.

16. Vuka, moya wasentla, uze nawe wasezantsi:Phephezela emyezweni wam, buqukuqele ubulawu bawo.Mayingene intánda yam emyezweni wayo,Idle isiqhamo esimnandi kakhulu.

Ingoma Yazo Iingoma 4