Ingoma Yazo Iingoma 4:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi!Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini,Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!

11. Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi;Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho.Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.

12. Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi;Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.

13. Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu,Ikofere* kunye nenadusi;*

14. Inadusi nesafron,*Ikalamo* nesinamon,* kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe,Imore nehaloti,* kunye nobulawu bonke obuyintloko.

Ingoma Yazo Iingoma 4