Ingoma Yazo Iingoma 2:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi,Injalo intánda yam phakathi koonyana.Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo,Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.

4. Indingenisé endlwini yewayini,Nebhanile* yayo phezu kwam luthando.

5. Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi,Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.

6. Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam;Esokunene siyandiwola.

7. Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisaAmabhadikazi namaxhamakazi asendle,Ukuba ningàluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando,Lude luthande.

8. Phulaphulani! Intánda yam, nantso isiza,Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.

Ingoma Yazo Iingoma 2