Ingoma Yazo Iingoma 2:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndingumfiyo waseSharon,Ndiyinyibiba yasezintlangeni.

2. Njengenyibiba phakathi kweminga,Únjalo uwethu phakathi kweentombi.

3. Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi,Injalo intánda yam phakathi koonyana.Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo,Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.

Ingoma Yazo Iingoma 2