1. Ndingumfiyo waseSharon,Ndiyinyibiba yasezintlangeni.
2. Njengenyibiba phakathi kweminga,Únjalo uwethu phakathi kweentombi.
3. Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi,Injalo intánda yam phakathi koonyana.Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo,Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.