31. Ndafika simile imithuma sonke siphela;Ngaphezulu senile ngamarhawu,Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.
32. Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo,Ndabona, ndamkela uqeqesho.
33. Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela,Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:
34. Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi;Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.