Imizekeliso 24:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Indlu yona yakhiwa ngobulumko;Izinziswe ngengqondo;

4. Ngokwazi kuzaliswa amaqongaBubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.

5. Umfo osisilumko unamandla,Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;

6. Ngokuba, úkhokelwé bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho;Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.

7. Ubulumko bunqabile kwisimathane;Asiwuvuli umlomo waso ensangweni.

8. Ocinga ngokwenza ububi,Lowo báthi ukumbiza nguMayelenqe.

9. Iyelenqe lesimathane sisono;Ulisikizi ebantwini umgxeki.

10. Ùthe waphelelwa ngemini yembandezelo,Oba ebandezelwe amandla akho.

11. Hlangula abasiwa ekufeni;Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.

12. Nokuba ùthi, Yabona besingakwazi oko:Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na?Umgcini womphefumlo akakwazi na?Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?

13. Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile;Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.

14. Bázi ke ubulumko emphefumlweni wakho;Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva,Lingànqunyulwa ithemba lakho.

15. Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa,Ungasibhuqi isikhundla salo;

16. Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke;Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.

Imizekeliso 24