3. Indlu yona yakhiwa ngobulumko;Izinziswe ngengqondo;
4. Ngokwazi kuzaliswa amaqongaBubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.
5. Umfo osisilumko unamandla,Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;
6. Ngokuba, úkhokelwé bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho;Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.
7. Ubulumko bunqabile kwisimathane;Asiwuvuli umlomo waso ensangweni.
8. Ocinga ngokwenza ububi,Lowo báthi ukumbiza nguMayelenqe.
9. Iyelenqe lesimathane sisono;Ulisikizi ebantwini umgxeki.
10. Ùthe waphelelwa ngemini yembandezelo,Oba ebandezelwe amandla akho.
11. Hlangula abasiwa ekufeni;Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.
12. Nokuba ùthi, Yabona besingakwazi oko:Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na?Umgcini womphefumlo akakwazi na?Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?
13. Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile;Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.
14. Bázi ke ubulumko emphefumlweni wakho;Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva,Lingànqunyulwa ithemba lakho.
15. Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa,Ungasibhuqi isikhundla salo;
16. Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke;Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.