1. Musa ukubamonela abantu abanobubi;Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo.
2. Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa,Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.
3. Indlu yona yakhiwa ngobulumko;Izinziswe ngengqondo;
4. Ngokwazi kuzaliswa amaqongaBubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.
5. Umfo osisilumko unamandla,Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;
6. Ngokuba, úkhokelwé bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho;Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.