Imizekeliso 24:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Musa ukubamonela abantu abanobubi;Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo.

2. Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa,Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.

3. Indlu yona yakhiwa ngobulumko;Izinziswe ngengqondo;

4. Ngokwazi kuzaliswa amaqongaBubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.

5. Umfo osisilumko unamandla,Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;

6. Ngokuba, úkhokelwé bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho;Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.

Imizekeliso 24