Imizekeliso 23:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi,Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.

28. Úde alale njengesihange,Awandise amanginingini eluntwini.

29. Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano?Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu?Anabani na amehlo anozizi?

30. Anâbo balibala ewayinini,Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.

31. Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela,Xa ibengezelayo endebeni,Xa ihla kamnandi;

Imizekeliso 23