Imizekeliso 23:25-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Makavuye uyihlo nonyoko,Agcobe umfazi owakuzalayo.

26. Ndínike intliziyo yakho, nyana wam,Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.

27. Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi,Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.

28. Úde alale njengesihange,Awandise amanginingini eluntwini.

29. Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano?Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu?Anabani na amehlo anozizi?

Imizekeliso 23