Imizekeliso 23:18-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Inene, kukho ikamva,Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.

19. Yiva, wena nyana wam, ulumke,Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.

20. Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini,Naphakathi kwamadla-kudla;

21. Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka;Kona ukozela kwambesa amajacu.

22. Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo,Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.

23. Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo;Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.

24. Úgcoba kakhulu uyise welungisa;Ozele isilumko uyavuya ngaso.

25. Makavuye uyihlo nonyoko,Agcobe umfazi owakuzalayo.

26. Ndínike intliziyo yakho, nyana wam,Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.

27. Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi,Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.

28. Úde alale njengesihange,Awandise amanginingini eluntwini.

29. Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano?Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu?Anabani na amehlo anozizi?

30. Anâbo balibala ewayinini,Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.

31. Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela,Xa ibengezelayo endebeni,Xa ihla kamnandi;

32. Ukuphela kwayo iluma njengenyoka,Iluma njengerhamba.

Imizekeliso 23