Ilevitikus 9:6-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathi uMoses, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo ukuba nilenze: bobonakala ke ubuqaqawuli bukaYehova kuni.

7. Wathi uMoses kuAron, Sondela esibingelelweni, wenze idini lakho lesono, nedini lakho elinyukayo, uzicamagushele okwakho nokwabantu; wenze umsondezo wabantu, ubacamagushele, njengoko uYehova wawisayo umthetho.

8. Wasondela ke uAron esibingelelweni, walixhela ithole ledini lesono elilelakhe.

9. Balisondeza oonyana baka-Aron igazi kuye, wawuthi nkxu umnwe wakhe egazini, walidyobha ezimpondweni zesibingelelo, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo.

10. Ke inqatha, nezintso, nomhlehlo osesibindini, edinini lesono, waqhumisela ngezo zinto esibingelelweni, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

11. Ke inyama nesikhumba wazitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba.

12. Walixhela idini elinyukayo, oonyana baka-Aron balizisa kuye igazi; walitshiza wajikelezisa esibingelelweni.

13. Balizisa kuye nedini elinyukayo ngeenyama zalo, nentloko yalo; waqhumisela ngezo nto esibingelelweni.

14. Wazihlamba izibilini neentungo, waqhumisela ngezo zinto phezu kwedini elinyukayo esibingelelweni.

15. Wasondeza umsondezo wabantu, wathabatha ibhokhwe yedini lesono eyeyabantu, wayixhela, wenza idini lesono njengelokuqala.

16. Wasondeza nedini elinyukayo, walenza ngokwesiko.

17. Wawusondeza umnikelo wokudla, wazalisa isandla sakhe ngawo, waqhumisela ngawo esibingelelweni, ngaphezu kwedini elinyukayo lakusasa.

18. Wayixhela inkomo nenkunzi yemvu yombingelelo woxolo ongowabantu, balizisa oonyana baka-Aron igazi kuye, walitshiza, wajikelezisa esibingelelweni;

19. namanqatha enkomo nawenkunzi yemvu, nomsila wayo, nomhlehlo, nezintso, nomhlehlo wesibindi.

20. Bawabeka loo manqatha phezu kwazo iincum, waqhumisela ngamanqatha esibingelelweni.

Ilevitikus 9