Ilevitikus 9:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ke inyama nesikhumba wazitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba.

12. Walixhela idini elinyukayo, oonyana baka-Aron balizisa kuye igazi; walitshiza wajikelezisa esibingelelweni.

13. Balizisa kuye nedini elinyukayo ngeenyama zalo, nentloko yalo; waqhumisela ngezo nto esibingelelweni.

14. Wazihlamba izibilini neentungo, waqhumisela ngezo zinto phezu kwedini elinyukayo esibingelelweni.

15. Wasondeza umsondezo wabantu, wathabatha ibhokhwe yedini lesono eyeyabantu, wayixhela, wenza idini lesono njengelokuqala.

16. Wasondeza nedini elinyukayo, walenza ngokwesiko.

17. Wawusondeza umnikelo wokudla, wazalisa isandla sakhe ngawo, waqhumisela ngawo esibingelelweni, ngaphezu kwedini elinyukayo lakusasa.

18. Wayixhela inkomo nenkunzi yemvu yombingelelo woxolo ongowabantu, balizisa oonyana baka-Aron igazi kuye, walitshiza, wajikelezisa esibingelelweni;

19. namanqatha enkomo nawenkunzi yemvu, nomsila wayo, nomhlehlo, nezintso, nomhlehlo wesibindi.

20. Bawabeka loo manqatha phezu kwazo iincum, waqhumisela ngamanqatha esibingelelweni.

21. Ke iincum ezo, nomlenze lowo wasekunene, wazitshangatshangisa uAron zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova, njengoko wamwiselayo umthetho uMoses.

22. UAron waziphakamisela ebantwini izandla zakhe, wabasikelela; wehla ke ekulenzeni idini lesono, nedini elinyukayo, nombingelelo woxolo.

Ilevitikus 9