Ilevitikus 7:26-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ize ningadli gazi emakhayeni enu onke, nelantaka, nelazinto zizizitho ziné.

27. Wonke ubani osukuba esidla nto iligazi, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

28. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

29. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Lowo usondeza umbingelelo wakhe woxolo kuYehova, ukuwuzisa umsondezo wakhe kuYehova, wówuthabatha kumbingelelo wakhe woxolo lowo.

30. Izandla zakhe zókuzisa ukudla kwasemlilweni kukaYehova: inqatha eliphezu kwencum wolizisa kunye nencum, ukuba litshangatshangiswe libe ngumtshangatshangiso phambi koYehova.

31. Umbingeleli woqhumisela ngenqatha elo esibingelelweni; ke yona incum ibe yeka-Aron neyoonyana bakhe;

32. umlenze wasekunene niwunike umbingeleli, ube ngumrhumo kumbingeleli emibingelelweni yenu yoxolo.

33. Lowo phakathi koonyana baka-Aron, usondeza igazi lombingelelo woxolo nenqatha, umlenze wasekunene woba ngowakhe, ube sisabelo sakhe.

34. Kuba incum yomtshangatshangiso, nomlenze womrhumo, ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo; ndiwuniké uAron umbingeleli, noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli.

35. Ezo nto ngumxhesho ka-Aron, nomxhesho woonyana bakhe, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, ngomhla awabasondezáyo ukuba babe ngababingeleli kuYehova;

36. awawisa umthetho uYehova, ngomhla wokubathambisa kwakhe, ukuba bawunikwe ngoonyana bakaSirayeli; ube ngummiselo ongunaphakade lowo ezizukulwaneni zabo.

37. Nguwo lowo umyalelo wedini elinyukayo, nowomnikelo wokudla, nowedini lesono, nowedini letyala, nowokumisela,

Ilevitikus 7